Trace Id is missing

IPhekhi yeIntafeyisi yoLwimi ye-Windows 7

iPhekhi yeIntafeyisi yoLwimi ye-Windows 7 (LIP) inikeza ngeIntafeyisi yoMsebenzisi eyenziwe eyalapha ngokungaphelelanga kwiindawo ezininzi ezisetyenziswe ngokubanzi kakhulu ze-Windows 7

Kubalulekile!Ukukhetha ulwimi olungezantsi kuya kuwutshintsha ngokupheleleyo umxholo wekhasi kolo lwimi.

  • Inguqulelo:

    1.0

    Umhla Wopapasho:

    2010-11-08

    Igama lefayile:

    LIP_xh-ZA-32bit.mlc

    LIP_xh-ZA-64bit.mlc

    Ubukhulu Befayile:

    2.6 MB

    4.1 MB

    iPhekhi yeIntafeyisi yoLwimi ye-Windows (LIP) inikeza ngohlelo oluguqulelweyo ngokungaphelelanga lweendawo ezisetyenziswa ngokubanzi kakhulu zeendawo ze-Windows. Emva kokufakela i-LIP, iteksti kwiiwizadi, kwiibhokisi zencoko, iimenyu, nezihloko zoNcedo neNkxaso iya kuboniswa kulwimi lwe-LIP. Iteksti engaguqulelwanga iya kuba kulwimi lwesiseko lwe-Windows 7. Umzekelo, ukuba uthenge uhlelo lwe-Spanish lwe-Windows 7, waza wafakela i-LIP yesi-Catalan, enye iteksti iya kuhlala ikwi-Spanish. Ungafakela i-ILP engaphezulu kwenye kulwimi lwesiseko olunye. Ii-Windows LIP zingafakelwa kuzo zonke iintlelo ze-Windows 7.
  • Iinkqubo Zokusebenza Ezixhaswayo

    Windows 7

    • I-Microsoft Windows 7
    • Ufakelo lwesiseko olufunekayo lolwimi lwe-Windows 7: isiNgesi
    • I-4.63 Mb yesithuba esingenanto sokukhuphela
    • I-15 Mb yesithuba esingenanto sokuseta

  • ISILUMKISO: Ukuba unjiko-nkcukacha olwenziwe lwasebenza lwe-BitLocker, nceda uluxhome phambi kokufakela i-LIP. Vula i-Control Panel, ukhethe i-System and Security, emva koko i-BitLocker Drive Encryption. Cofa ku i-Suspend Protection.

    Ngenxa yokuba kukho izikhuphelo ezahlukeneyo zeentlelo ze-32-bit neze-64-bit ze-Windows 7 LIP, phambi kokuqalisa ukhuphelo, kudingeka ukuba umisele loluphi na uhlelo lwe-Windows 7 olufakeleyo: Nantsi indlela omisela ngayo ukuba loluphi na uhlelo lwe-Windows 7 olufakeleyo:

    Cofa kwi i-Start qhosha uze ucofe ekunene kwiKhompyutha futhi ukhethe i-Properties. Oku kuya kuzisa ingcaciso esisiseko emalunga nekhompyutha yakho.
    Khangela kwicandelo leSistim yohlobo lweSistim. Oku kuya kwalatha ukuba i-Windows 7 iNdlela yokuSebenza yakho iyi-32-bit iNdlela yokuSebenza okanye iyi-64-bit iNdlela yokuSebenza.

    Ukufakela inguqulelo ye-32-bit, ungenza nokuba:

    1. Cofa iqhosha u-Dawnlowda, uze ucofe u-Open ukufakela i-LIP


    2. noma

    3. Cofa iqhosha u-Dawnlowda
      • Cofa ku-Save ukukopishela ifayili kwikhompyutha yakho,
      • Hamba ukuya kwifayili ekopishiweyo yaye ucofe kabini kuyo ukufakela i-LIP

    Ukufakela inguqulelo ye-64-bit, kufuneka usebenzise ukhetho lwesi-2 olungentla.