Izixhobo zokuFunda kwakhona ze-Microsoft Office 2016 - IsiXhosa
Izixhobo zokuFunda kwakhona ze-Microsoft Office zenza kusebenze ukuhlela ngeelwimi ezongezelelekileyo.
Kubalulekile!Ukukhetha ulwimi olungezantsi kuya kuwutshintsha ngokupheleleyo umxholo wekhasi kolo lwimi.
Inguqulelo:
2016
Umhla Wopapasho:
2016-05-25
Igama lefayile:
proofingtools2016_xh-za-x64.exe
proofingtools2016_xh-za-x86.exe
Ubukhulu Befayile:
3.3 MB
3.2 MB
Ngaba ufuna ukuhlola upelo kulwimi olungafakelwanga ngokuzenzekelayo yi-Office? Ukwindawo efanelekileyo. Izixhobo zokuFunda kwakhona ze-Microsoft Office ziquka iseti epheleleyo yezixhobo zokufunda kwakhona ezifumanekayo ze-Office kolu lwimi. Fakela nje uze uqalise kwakhona i-Office, yaye izixhobo zokufunda kwakhona zilungele ukusetyenziswa.Iinkqubo Zokusebenza Ezixhaswayo
Windows 7, Windows 8, Windows Server 2008 R2
Olu khuphelo lusebenza ngezi program zilandelayo:- I-Microsoft Office Excel 2016
- I-Microsoft Office OneNote 2016
- I-Microsoft Office Outlook 2016
- I-Microsoft Office PowerPoint 2016
- I-Microsoft Office Word 2016
- Ukuze ufakele olu khuphelo:
Fakela izixhobo zokufunda kwakhona:
- Khuphela ifayile ngokucofa iqhosha lokuKhuphela (ngasentla) yaye ngokugcina ifayile kwidiski yakho eqinileyo.
- Sebenzisa iprogram yokuseta.
- Kwikhasi lokuFunda imiQathango yeLayisensi yeSotwe ye-Microsoft, khetha ibhokisi ethi "Cofa apha ukwamkela imiQathango yeLayisensi yeSoftwe ye-Microsoft", emva koko uQhubeka.
- Iwizadi yokuseta isebenza yaye ifakela izixhobo zokuqinisekisa.
- Emva kokuba ufakelo lugqibile, qalisa ngokutsha usetyenziso lwakho lwe-Office oluvulekileyo.
Imiyalelo yokusebenzisa:Sebenzisa nje izixhobo zokufunda kwkahona njengoko uqhele ukwenza - ngoku ufanele uzibone kulwimi lakho olusandula ukufakelwa. Ngokomzekelo, ungaseta ulwimi lwakho lokufunda kwakhona kulwimi olutsha ukuze lusebenzise uhlolo lopelo (ukuba luyafumaneka) - ukuze ufunde indlela yokwenza oko, bonaTshintsha phakathi kweelwimi ngokusebenzisa ibha yoLwimi
Ukuze ushenxise olu khuphelo:- Kwimenyu yokuQalisa, yalatha kwiiSetingi emva koko ucofe iPhaneli yokuLawula.
- Cofa kabini uYongeza/Shenxisa iiProgram.
- Kuluhlu lweeprogrma ezisandula ukufakelwa, khetha iziXhobo zokuFunda kwakhona 2016 - isiXhosa emva koko ucofe uKhulula, uShenxisa, okanye uYongeza/Shenxisa. Ukuba kuvela ibhokisi yedayalogi, landela imiyalelo ukuze ushenxise iprogram.
- Cofa uEwe okanye uKulungile ukuqinisekisa ukuba ufuna ukushenxisa iprogram.