IPhekhi yeIntafeyisi yoLwimi ye-Windows 7
iPhekhi yeIntafeyisi yoLwimi ye-Windows 7 (LIP) inikeza ngeIntafeyisi yoMsebenzisi eyenziwe eyalapha ngokungaphelelanga kwiindawo ezininzi ezisetyenziswe ngokubanzi kakhulu ze-Windows 7
Kubalulekile!Ukukhetha ulwimi olungezantsi kuya kuwutshintsha ngokupheleleyo umxholo wekhasi kolo lwimi.
Inguqulelo:
1.0
Umhla Wopapasho:
2010-11-08
Igama lefayile:
LIP_xh-ZA-32bit.mlc
LIP_xh-ZA-64bit.mlc
Ubukhulu Befayile:
2.6 MB
4.1 MB
iPhekhi yeIntafeyisi yoLwimi ye-Windows (LIP) inikeza ngohlelo oluguqulelweyo ngokungaphelelanga lweendawo ezisetyenziswa ngokubanzi kakhulu zeendawo ze-Windows. Emva kokufakela i-LIP, iteksti kwiiwizadi, kwiibhokisi zencoko, iimenyu, nezihloko zoNcedo neNkxaso iya kuboniswa kulwimi lwe-LIP. Iteksti engaguqulelwanga iya kuba kulwimi lwesiseko lwe-Windows 7. Umzekelo, ukuba uthenge uhlelo lwe-Spanish lwe-Windows 7, waza wafakela i-LIP yesi-Catalan, enye iteksti iya kuhlala ikwi-Spanish. Ungafakela i-ILP engaphezulu kwenye kulwimi lwesiseko olunye. Ii-Windows LIP zingafakelwa kuzo zonke iintlelo ze-Windows 7.Iinkqubo Zokusebenza Ezixhaswayo
Windows 7
• I-Microsoft Windows 7
• Ufakelo lwesiseko olufunekayo lolwimi lwe-Windows 7: isiNgesi
• I-4.63 Mb yesithuba esingenanto sokukhuphela
• I-15 Mb yesithuba esingenanto sokuseta
- ISILUMKISO: Ukuba unjiko-nkcukacha olwenziwe lwasebenza lwe-BitLocker, nceda uluxhome phambi kokufakela i-LIP. Vula i-Control Panel, ukhethe i-System and Security, emva koko i-BitLocker Drive Encryption. Cofa ku i-Suspend Protection.
Ngenxa yokuba kukho izikhuphelo ezahlukeneyo zeentlelo ze-32-bit neze-64-bit ze-Windows 7 LIP, phambi kokuqalisa ukhuphelo, kudingeka ukuba umisele loluphi na uhlelo lwe-Windows 7 olufakeleyo: Nantsi indlela omisela ngayo ukuba loluphi na uhlelo lwe-Windows 7 olufakeleyo:
Cofa kwi i-Start qhosha uze ucofe ekunene kwiKhompyutha futhi ukhethe i-Properties. Oku kuya kuzisa ingcaciso esisiseko emalunga nekhompyutha yakho.
Khangela kwicandelo leSistim yohlobo lweSistim. Oku kuya kwalatha ukuba i-Windows 7 iNdlela yokuSebenza yakho iyi-32-bit iNdlela yokuSebenza okanye iyi-64-bit iNdlela yokuSebenza.
Ukufakela inguqulelo ye-32-bit, ungenza nokuba:
- Cofa iqhosha u-Dawnlowda, uze ucofe u-Open ukufakela i-LIP
- Cofa iqhosha u-Dawnlowda
- Cofa ku-Save ukukopishela ifayili kwikhompyutha yakho,
- Hamba ukuya kwifayili ekopishiweyo yaye ucofe kabini kuyo ukufakela i-LIP
noma
Ukufakela inguqulelo ye-64-bit, kufuneka usebenzise ukhetho lwesi-2 olungentla.