I-Microsoft® Office Language Accessory Pack – IsiXhosa
I-Microsoft Office Language Accessory Pack - IsiXhosa songeza umboniso owongezelelekileyo, uncedo, okanye izixhobo zokufunda kwakhona ngokuxhomekeke kulwimi olufakelayo.
Kubalulekile!Ukukhetha ulwimi olungezantsi kuya kuwutshintsha ngokupheleleyo umxholo wekhasi kolo lwimi.
Inguqulelo:
2016/2019
Umhla Wopapasho:
2016-03-11
Igama lefayile:
Office2016_LAP_Readme_xh-za.docx
Ubukhulu Befayile:
21.4 KB
I-Microsoft Office Language Accessory Pack - IsiXhosa yongeza umboniso owongezelelekileyo, uncedo, okanye izixhobo zokufunda kwakhona ngokuxhomekeke kulwimi olufakelayo.
Emva kofakelo, i-Microsoft Office Language Accessory Pack - IsiXhosa ukuba nako nokhetho oluhambelanayo luyafumaneka kusetyenziso lwe-Office nakusetyenziso lwe-Microsoft Office Language Preferences.Iinkqubo Zokusebenza Ezixhaswayo
Windows 10, Windows 7, Windows 8
- Ngengcombolo yakutshanje ngeemfuneko zeSistim bona ilinkiIimfuneko zeSistim ze-Office
I-Microsoft Windows 8 - 32 okanye i-64 bit OS
I-Microsoft Windows 10 - 32 okanye i-64 bit OS. (Yabasebenzisi For Office 2019 one-time purchase users Windows 10 is the only supported OS)
Inqaku:Nceda uqinisekise ufakela iiPhekhi zeSevisi zakutshanje zeNdlela Yokusebenza yakho ukuqinisekisa inkxaso ebonwayo yolwimi lwakho.
IsoftweNaluphi na uhlelo lwe-Office 2016 (okanye lwakutshanje) suite okanye oluzimeleyo oluqulethe i-Microsoft Excel, i-Microsoft Lync, i-Microsoft OneNote, i-Microsoft Outlook, i-Microsoft PowerPoint okoanye i-Microsoft Word luza kuxhasa i-Microsoft Office Language Accessory Pack 2016 (okanye lwakutshanje) - IsiXhosa.
Ikhompyutha neProsesaIprosesa ye-1.6 GHz kunye nenkxaso ye-SSE2 okanye engaphezulu; i-4GB RAM; i-2 GB RAM (i-32-bit) okanye engaphezulu
Isithuba sediskiUkongezelela kwisithuba sediski eyomeleleyo esetyenzisiweyo lusetyenziso olufakelweyo lwe-Office,- i-4 GB yesithuba sediksi eyomeleleyo esifumanekayo.
- Zonke ezinye iimfuneko zesistim ziyafana nezo zosetyenziso lwe-Office olusebenzisayo ne-Microsoft Office Language Accessory Pack - IsiXhosa.
I-Windows Language Interface Pack Kucetyiswa ukuba ufakele i-Windows Language Interface Packs yakutshanje ukuze ufumane inkxaso yelwimi ebonakalayo yeNdlela Yokusebenza yakho nosetyenziso lwesoftwe.
Ubungakanani beMonitha neesetingi ze-DPIIifonti ezininzi ziye zayilwa ukuze zifunde ngokubonakalayo kubungakanani be-1366 x 768. Ukuba ngaba unengxaki nokufunda ifonti yakho yolwimi nceda uhlaziye iisetingi zakho zomboniso ukuya kobu bungakanani okanye obungaphezulu ukuba kuyimfuneko. Nceda uqaphele: sicebisa ukuba usebenzise usetyenziso lwe-Office kwisetingi ye-DPI esisiseko ye-Windows - i-96 DPI. Ukusebenzisa isetingi ye-120 DPI kusenokubangela amava omsebenzisi e-Office kolunye usetyenziso lwe-Office ngokwandisa ubukhulu bedayalog ye-Office.
Ukhetho Lwengingqi noloLwimi Ukongezelela kucetyiswa ukuba lonke Ukhetho Lwengingqi noloLwimi kwiPhaneli yoLawulozisetwe kulwimi lwe-Microsoft Office Language Accessory Pack - IsiXhosa.- Ukuze ufakele le Phekhi yeSibonelelo soLwimi:
- KhuphelaiPhekhi yeSibonelelo soLwimi Fakela ifayile ngokucofa le linki Khuphela isiFakeli sePhekhi yeSibonelelo soLwimi
- Xa Ugqibile Ukukhuphela Khetha uSebenzisa.
- Landela imiyalelo ekwiskrini ukugqibezela ufakelo.
Tshintsha i-intafeyisi yomsebenzisi ukuya kulwimi lwePhekhi yeSibonelelo soLwimi
Emva kokuba iPhekhi yeSibonelelo soLwimi ifakelwe, ungatshintsha ulwimi lweintafeyisi yomsebenzisi ukuya (isiXhosa) ukusuka ngaphakathi kusetyenziso lwe-Office okanye ukusuka kusetyenziso Lokhetho loLwimi lwe-Microsofr Office.
Ukutshintsha ulwimi lweintafeyisi yomsebenzisi ukusuka kuKhetho loLwimi:- QalisaUkhetho loLwimi lwe-Office.
- Ukusukakuluhlu oluthi Khetha iiLwimi Zokuhlela, khetha ulwimi lwakho lokuhlela uze ucofe iqhosha elithiSeta njengeSiseko.
- Ukusukakuluhlu oluthi Khetha uMboniso neeLwimi zoNcedo, khethauLwimi loMboniso uze ucofeiqhosha elithi Seta njengeSiseko.
- Cofa iqhosha elithi Kulungile.
- YiyakwiFayile, Ukhetho, emva koko ucofeuLwimi.
- Ukusukakuluhlu oluthi Khetha iiLwimi Zokuhlela, khetha ulwimi lwakho lokuhlela uze ucofe iqhosha elithiiqhosha elithi Seta Kulungile.
- Ukusukakuluhlu oluthi Khetha uMboniso neeLwimi zoNcedo, khethauLwimi loMboniso uze ucofeiqhosha elithi Seta Kulungile.
- Cofa iqhosha elithi Kulungile.
Tshintsha ulwimi lopelo
I-Microsoft Office Language Accessory Pack - (IsiXhosa) isenokuquka izixhobo zokufunda kwakhona ngolwimi lwakho. Nantsi indlela yokutshintsha ulwimi lopelo kumbhalo okhethiweyo:
I-Excel: I-Excel isebenzisa isetingi yolwimi yokuhlela ye-Microsoft Office Primary ukuqonda ulwimi lopelo olusisiseko. Ukuze utshintshe oku, cofaiFayile uze ucofeUkhetho. Cofa ukhetho Lokufunda kwakhona uze ukhethe enye yeelwimi ezifumanekayo kuluhlulolwimi Lwesichazi-magama.
I-Outlook, i-PowerPoint, i-Word ne-OneNote: Khetha umbhalo onqwenela ukuhlola upelo lwawo, ucofe Hlola, cofa iqhosha elithi uLwimi, uze ucofeukhetho oluthi Seta uLwimi Lokufunda kwakhona. Khetha ulwimi olufunayo kwibhokisi yoluhlu uze ucofeuKulungile.